1:1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu,
1:2 ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu.
1:3 Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;
1:4 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo;
1:5 ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.
1:6 Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.
1:7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.
1:8 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo;
1:9 owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;
1:10 lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;
1:11 endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;
1:12 endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
1:13 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.
1:14 Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu.
1:15 Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene.
1:16 Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam.
1:17 Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana.
1:18 Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.
2:1 Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu;
2:2 uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.
2:3 Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.
2:4 Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.
2:5 Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho.
2:6 Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo.
2:7 Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke.
2:8 Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo;
2:9 endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.
2:10 Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade.
2:11 Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;
2:12 ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;
2:13 ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
2:14 Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.
2:15 Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.
2:16 Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.
2:17 Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,
2:18 abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.
2:19 Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.
2:20 Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko.
2:21 Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.
2:22 Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.
2:23 Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.
2:24 Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi,
2:25 ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso,
2:26 babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.
3:1 Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.
3:2 Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali,
3:3 abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga,
3:4 abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo;
3:5 benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.
3:6 Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko,
3:7 behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.
3:8 Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo.
3:9 Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya.
3:10 Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo,
3:11 iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.
3:12 Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.
3:13 Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.
3:14 Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;
3:15 nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.
3:16 Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,
3:17 ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.
4:1 Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:
4:2 livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.
4:3 Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;
4:4 babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.
4:5 Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.
4:6 Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.
4:7 Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.
4:8 Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
4:9 Khawuleza uze kum kamsinya;
4:10 kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.
4:11 NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.
4:12 Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.
4:13 Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu.
4:14 UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.
4:15 Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.
4:16 Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.
4:17 Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.
4:18 Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
4:19 Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo.
4:20 UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa.
4:21 Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke.
4:22 INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen.